|
|
MEDIA RELEASE
PRESTWICH PLACE BURIALS, CAPE TOWN
-English- -Afrikaans-
Isebe elijongene namasiko, izithethe nokunonotshelwa kwawo kweli loMzantsi
Afrika elaziwa nge-South African Heritage Resources Agency (SAHRA), icela
izimvo zakho okanye ezombutho wakho malunga namangcwaba afunyenwe eGreen
Point kutsha nje.
La mangcwaba ebengaziwa. Afumaneke xa bekudilizwa indlu kulungiselelwa
ulwakhiwo ngokutsha. Abonakala sengathi ngawexesha loo1700. Maninzi,
axube imizimba yabantwana nabantu abadala. Axinene ngohlobo olumangalisayo,
kangokuba amanye abekwe phuzu kwamanye.
Kukrokreleka ukuba amanye angafumaneka ngaphantsi kwezinye izakhiwo
ezikulommandla wase Green Point. Thina bakwa SAHRA neqaqobana loluntu
lwaseNtsona Koloni sikholelwa ukuba sijongane nale ntlekele ngesidima
nesithozela xa imizimba efana nale ifumaneka ngohlobo olunje. Futhi
kufanelekile ukuba sihlabe sikhangele, ukuze sixhobele nengomso hleze
intleke efana na le yenzeke kwakhona.
Niyamenywa kwintlanganiso yoluntu eyakuba:
- NgoLwesihlanu umhla wama-29 August 2003
- St Andrews Church, Somerset Road, Greenpoint
- Ngo 16H00
- info@sahra.org.za
|
YOUR Okanye, thumelani izimvo zenu malunga neyona ndlela indilisekileyo
yokuzingcwaba ezizinyanya zethu sonke phambi kwentsimbi yeshumi
elinambini nkqo (12H00) ngoLwesihlanu umhla we 29/8/2003. |
| ISUKA: |
South African Heritage Resources Agency |
| THUMELA KU: |
Mrs P Madiba
Chief Executive Officer
South African Heritage Resources Agency
111 Harrington Street
Cape Town
Tel:462 4502
Fax: 462 4509
E-mail: info@sahra.org.za
|
|
|